
=====================================================================
UKHE WEVA NA NGEENYANISO EZINE ZOMOYA?
=====================================================================
 UKHE WEVA NA
NGEENYANISO EZINE ZOMOYA ?


Nanjengokuba kukho iinyaniso ezilawula ubume bomhlaba kwangokunjalo kukho iinyaniso ezilawula ukuhlobana kwakho noThixo.

---------------------------------------------------------------------

INYANISO YOKUQALA

UTHIXO UYAKUTHANDA WAYE UKUBEKELE ICEBO ELINGUMANGALISO EBOMINI BAKHO.

(Amanqaku akule ncwadana makafundwe ngokwayamene neBhayibhile ngalo lonke ixesha xa kunokwenzeka).

UTHANDO LUKATHIXO
"Kuba wenjenje uThixo ukulithanda kwakhe ihlabathi, ude wancama uNyana wakhe okuphela kwamzeleyo, ukuze bonke abakholwayo kuye bangatshabalali, koko babe nobomi obungunaphakade." (Yohane 3:16)

ICEBO LIKATHIXO

(UKristu ethetha) "Mna ndizele ukuze babe nobomi, babe nabo ke ngokuggithiseleyo." (Yohane 10:10).

Kungani ukuba inkoliso yabantu ingabi nawo amava obomi obugqithisaleyo?

Ngokuba...
---------------------------------------------------------------------

INYANISO YESIBINI

UMNTU WONILE WAZA WOHLUKA KUTHIXO, NGOKO KE AKANALO ULWAZI NAMAVA OTHANDO LUKATHIXO KWAKUNYE NECEBO LAKHE NGOBOMI BAKHE.

UMNTU WONILE
"Kuba bonile bonke, basilela uluzukweni lukaThixo." (Roma 3:23)
Umntu wadalwa ukuze abe nobudlelwane noThixo kodwa ngenxa yentando yakhe elukhuni, wazivulela ukuhamba indlela yakhe engaxhomekokanga mntwini, baza ke ngoko ubudlelwane phakathi kwakhe noThixo bophoka. Le ntando yakhe, ecaciswa ngumkhwa wobundlobongela okanye ikratshi lokuziphakamisa, bubunggina bento ethi iBhayibhile ukuyibiza sisono.

UMNTU WAHLUKENE NOTHIXO
"Kuba umvuzo wesono kukufa." (ukohlulwa ngokoMoya kuThixo.) (KwabaseRoma 6:23)

UThixo uNgcwele waye umntu ungumoni Kukho umsantsa omkhulu owahlule aba babini.

Umntu uzama njalo ukufikelela kuThixo nokuthi afumane ubomi obugqithiseleyo ngemizamo yakhe; ubomi obulungileyo, intlalo ntle, ngolwazi lobulumko, njalonjalo, kodwa onke lamalinge akanamsebenzi.

Inyaniso yesithathu yiyo kuphela esinika impendulo kule meko...

---------------------------------------------------------------------

INYANISO YESITHATHU

UYESU KRISTU NGUYE KUPHELA OMISWE NGUTHIXO UKUBA AQONDANE NESONO SOMNTU. NGENXA YAKHE UNGANOLWAZI NAMAVA OTHANDO LUKATHIXO, NECEBO LAKHE NGOBOMI BAKHO.

WAFA ENDAWENI YETHU
"Ke Yena uThixo uqondakalisa okwakhe ukusithanda ngokuthi sakubona ukuba sisengaboni, uKristu asifele." (KwabaseRoma 5:8)

WAVUKA KWABAFILEYO
"Awathi kanjalo, emveni kokuva kwakhe ubunzima, wazimisa ephilile phambi kwabo, ngeziganeko ezininzi, ezibonakalisa ngokwakhe kubo kwiintsuku ezimashumi mane ethetha izinto ezingabo ubukumkani buka Thixo." (Izenzo 1:3)

NGUYE KUPHELA INDLELA
Uthi uYesu kuye, "Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi, akukho namnye uzayo kuBawo, engezi ngam." (Yohane 14:6)

UThixo uwuphelisile umsantsa osahluleyo kuYe ngokuthumela uNyana wakhe, uYesu Kristu, ukuba afe emnqamlezweni endaweni yethu.

Akwenele ukuzazi nje ezinyaniso zintathu....

---------------------------------------------------------------------

INYANISO YESINE

SONKE NGABANYE MA SIMAMKELE UYESU KRISTU NJENGOMSINDISI NENKOSI, KUKHONA SIYAKUBA NOLWAZI NAMAVA OTHANDO LUKATHIXO NECEBO NGOBOMI BETHU.

SIMELWE KUKUMAMKELA UKRISTU
"Ke bonke abamamkelayo wabanika igunya lokuba babe ngabantwana bakaThixo, abo ke bakholwayo kwigama lakhe." (Yohane 1:12)

SAMKELA UKRISTU NGOKHOLO
"Kuba nisindiswe ngokubabalwa ngalo ukholo, nakho oko kungaphumi kuni, kusisipho sikaThixo akuphumi misebenzini, hleze kubekho bani uqhayisayo." (Kwabase-Efese 2:8,9)

SAMKELA UKRISTU NGOKUMENYWA THINA ZIQU
(UKristu uyathetha) "Yabona, ndim emnyango ndinkqonkqoza; ukuba uthe umntu waliva izwi lam, waluvula ucango, ndongena kuye, ndidle naye," (IsiTyilelo 3:20).
Ukwamkela uKristu Kuthetha ukuguqukela kuThixo, ushiye ubuwena, ukuthemba uKristu ukuba uza kungena ebomini bethu, ukuxolela iizono nokuthi asenze loo nto afuna ukuba sibe yiyo. Akwenele ukuvuma nje ngengqondo kwiimfuneko zakhe okanye ukusukela phezulu.

Ezi zizanqa zibini zimele iintlobo ezimbini zobomi:

UBOMI OBULAWULWA NDIM	 	UBOMI OBULAWULWA NGUKRISTU
M -	 Mna etronini	 t -	 UKristu etronini yobomi.
t -	 UKristu nga phandle kobomi bam.	 M -	 Ubumna buthotyiwe etronini.
 -	 Iziyolo ezi lawulwa ndim isiphumo kokungemthetho kunye nodano.	  Iziyolo phantsi kolawulo lukaThixo - isiphumo lulonwabo olukhulayo ngecebo lika Thixo.


Sisiphi na isanqa esimele ubomi bakho?
Sisiphi na isanqa ongathanda ukuba simele ubomi bakho?

Oku kulandelayo kucacisa indlela ongamamnkela ngayo uKristu:

---------------------------------------------------------------------

UNGAMAMKELA UKRISTU NGOKU NGOKHOLO OLUBONAKALISWE EMTHANDAZWENI
(Umthandazo kukuthetha noThixo).

UThixo uyayazi intliziyo yakho uhlupheka bubume bentliziyo yakho nangaphezu kokuba ehlupheka ngamazwi akho.

Lo ngumthandazo ongawenza:
"Nkosi Yesu, ndiya phawula ukuba be ndikade ndizilawulela ubomi bam ngenxa yoko ndikonile. Ngoku ndivula ucango lobomi bam, ndiya kwamkela nje ngoMsindisi neNkosi yam. Lawula etronini yobomi bam. Ndenze ukuba ndibe lolohlobo lomntu ofuna ukuba ndibe lulo."

Ingaba lomthandazo luluvo lomnqweno wentliziyo yakho?
Ukuba ngaba kunjalo, yenza lo mthandazo ngoku. uKristu uza kungena ebomini bakho njengokuthembisa kwakhe.

---------------------------------------------------------------------

INDLELA ONOKUTHI WAZI NGAYO UKUBA UKRISTU UKHO EBOMINI BAKHO

Umamkele na uKristu ebomini bakho? Ngokwesithembiso sakhe kwisiTyhilelo 3:20, uphi uKristu kanye ngoku mayelana nawe? UKristu wathi uyakuza ebomini bakho. Wazi ngaliphi na igunya ukuba uThixo uwuphendule umthandazo wakho? (Ukuthembeka kukaThixo ngokwakhe kwa kunye neLizwi lakhe)

IBHAYIBHILE ITHEMBISA UBOMI OBUNGUNAPHAKADE KUBO BONKE ABAMAMKELAYO UKRISTU

"Bubo obu ke ubungqina; ukuba uThixo usinike ubomi obungunaphakade; baye obo bomi bukuye uNyana wakhe. Lowo unaye uNyana unabo ubomi, lowo ungenaye unyana kaThixo, akanabo ubomi. Ndinibhlela ezi zinto, nina nikholwaY kwigama loNyana kaThixo ukuze nazi ukuba ninobomi obungunaphakade." (I Yohane 5:11-13)

Bulela uThixo ngawo onke amaxesha kuba uKristu ekho ebomini bakho waye engasoze akushiye (KumaHebere 13:5). Use nakho ukwazi ukuba uKristu ophilayo uhleli kuwe, nokuba unobomi obungunaphakade, ukusukela nje kwixesha othe wammema ngalo ngokwesithembiso sakhe. Akasoze akukhohlise.

Kuza kuthiwa ni na ke ngezimvo?

---------------------------------------------------------------------

MUSA UKUXHOMEKEKA PHEZU KWEZIMVO

Sinegunya elisisithembiso sikaThixo, ingasizizo izimvo zethu. UMkristu uphila ngokholo (ithemba) ekuthembekeni kuka Thixo ngkwakhe kanye neLizwi lakhe. Lo mfanekiso kaloliwe ubonisa ubuhlobo phakathi kweyona nto enyanisekileyo (UThixo neLizwi lakhe), kunye nokholo (ithemba lethu kuThixo neLizwi lakhe), kwa kunye noluvo (isiphumo sokholo Iwethu nentobeko) (Yohane 14:21)

Uloliwe unakho ukubaleka nokuba likhona, nokuba alikho itroko langasemva. Noxa kunjalo ingabubuyatha ukwenza ilinge lokutsala uloliwe ngetroko langasemva. Ngokunjalo, thina nje ngamaKristu asixhomekeki kwizimvo okanye kwiintshukumo kodwa sibeka ukholo Iwethu (ithemba) ekuthembekeni kukaThixo nakwizithembiso zeLizwi lakhe.

---------------------------------------------------------------------

KE KALOKU XA SE UMAMKELE UKRISTU

Ngelo xesha kanye lokwamkela kwakho uKristu, nje ngesenzo sokholo, kwenzeke izinto ezininzi ezibandakanya ezi zilandelayo:

1.  UKristu uzile ebomini bakho. (KwisiTyhilelo 3:20; nakwabase-Kolose 1:27)
2.  Izono zakho zixolelwe (Kolose 1:14)
3.  Ungumntwana kaThixo (Yohane 1:12)
4.  Waza waqala ukuhlala indlela malunga naloo msebenzi uThixo akudalele wona (Yohane 10:10; AmaKorinte II 5:14,15,17)

Ungacinga na ukuba ikhona into engummangaliso ekwehleleyo ngaphezu kokwamkela uKristu? Ungathandaza khona ngoku, ngako konke akwenzele kona? Kanye esosenzo sokubulela uThixo salatha ukholo.

Ngoku sekufuneka wenzentoni?

---------------------------------------------------------------------

AMACEBISO NGOKUKHULA KOMKRISTU

Ukuthemba uYesu Kristu kusisiqhamo sokukhula ngokwasemoyeni. "Lowo ulilungisa uya kudla ubomi obuphuma elukholweni." (Kuma-Galati 3:11) Ubomi bokholo buya kukwenza ukuba uthembe uThixo ngokugqithisileyo ngazo zonke iimeko zobomi bakho; nokuba wenze njalo oku kulandelayo:

* Yiya kuThixo ngomthandazo yonke imihla. (Yohane 15:7)
* Funda iLizwi likaThixo yonke imihla (Izenzo 17:11) - uqale kwivangeli kaYohane.
* Lulamela uThixo amaxesha ngamaxesha. (Yohane 14:21)
* Ngqinela uKristu ngobomi bakho nangamazwi akho. (Mateyu 4:19; Yohane 15:8)
* Waphose kuThixo onke amaxhala akho. (1 Petros 5:7)
* UMoya oyiNgcwele  mvumele alawule, ongeze amandla kubomi bakho bemihla ngemihla nobungqina bakho. (AmaGalati 5:16,17; Izenzo 1:8)

---------------------------------------------------------------------

UKUBALULEKA KOBUDLELWANE BOBUKRISTU

Kuma-Hebere 10:25, siya cetyiswa ukuba "singakuhilizeli ukuhlanganisana kwethu...kodwa ma sivuselelane..." Iinkuni ezininzi zivutha ngokucacileyo, kodwa xa ubeke Iwalunye kwiziko elibandayo, uyacima umlilo. Kunjalo ukuhlobana kwakho namanye amaKristu. Ukuba awuyi enkonzweni apho uKristu awongwa khona, nalapho iLizwi lakhe lishunyayelwa khona thabatha amanyathelo, uzibandakanye njalo nabantu esebemfumene uKristu nje ngoMsindisi, benamava othando lwakhe.

Ingeba unqwenela ukwazisa abanye na ngalento oyifumeneyo?

---------------------------------------------------------------------

UKUBA LE NCWADANA IBE NENTO EYITHETHAYO NELUNCEDO KUWE, NCEDA NIKA OKANYE FUNDELA OMNYE UMNTU.

Izigidi zale ncwadana "Ukhe weva na ngeenyaniso ezine zomoya?" sezisasazwe kulo lonke ilizwe ngeelwimi eziliqeIa. Ngenxa yoko amashumi amawaka abantu afunde lukhulu ngokuhlobana kwabo noThixo. Into leyo eyenziwe lula ngenxa yesipho soNyana wakhe ekuphela kwamzeleyo, uYesu Kristu. Sifumanisa ukuba abantu abaninzi, xa sebethe baqonda, baye banqwene ukuba ngamaKristu. WILLIAM BRIGHT, President, Campus Crusade for Christ International.

Siyakhuthaza ukuba lencwadi isetyenziswe. Kodwa ukugcina ukuba ma isoloko ingoluhlobo, yona nezinye iindawo zayo ezithile, azinakho ukukhutshwa ngaphandle kwemvume ebhaliweyo ephuma kuNdlunkulu weInternational - kwiCampus Crusade for Christ International, P.O. Box 13046, Northmead, 16 Benoni, Tvl.



